I-diffusion
I-diffusion eyenzeka ngokweenkqubo ezimbini: e-chemical ne-biological, ii- molecules zihamba zingumthombo zisuka kwinto okanye kwindawo ethile , esingathi (ngamanye amagama apho kuqhuma khona) yi-high concentration (apho zininzi khona ezi- molecules) zisiya kwindawo echazwa ngokuba i-low concentration (apho ke zimbalwa khona ezi molecules).[1]
I-diffusion idla ngokwenzeka nge-gas okanye nge-liquid. Kuyenzeka okokuba uyibone i-diffusion isenzeka xa ii-liquids ezimbini zixutywe kwizitya ezi-transparent. Ichaza intshukumo yee-particles emi eyenzeka ndawonye kuzo zonke ii-liquids kwanakwii- gases.ezi particles ziyabula zigqibe yonke indawo ekwesi sitya zide ziman'ukungqubana. I-diffusion ingasebenza kwii-gases nakwii-liquids. Nantsi inxalenye yemizekelo ye-diffusion:
- umcu weswekile ushiywe kwikomityi yamanzi ixesha elide.
- Ivumba le-ammonia lithe saa ukusuka entla kwigumbi lokufundela ukuya phaya emva.
- Ivumba elimnandi lesiqholo livakala kakhulu lisuka kwibhotile yesiqholo xa kususwe isiciko sayo.
- Ukutya okumbejembeje okufakwe kwisitya kuthi saa kweso sitya.
Ii-Molecules zithanda ukuhamba zisuka kwindawo apho zisuka okanye zininzi khona ezo ndawo ke sithi zii-high places concentration, ziye kwiindawo ezingekho kuzo nekuthiwa zii-low places of concentration, ngokuzihambela nje kwazo zingalawulwa nto. Umzekelo, kukho i-oxygen ethe chatha emphungeni xa kuthelekiswa naleyo isegazini, ngoko ke ii-molecules ze-oxygen ziyakuthanda ukuhamba zisiya egazini. Ngokunjalo, zingaphezulu ii-molecules ze-carbon dioxide egazini xa kuthelekiswa nezo zisemphungeni, ngoko ke ii-molecules ze-carbon dioxide ziyakuthanda ukuhamba ziye kungena emphungeni. .
Apho kukho ingxinano enkulu, ngenxa yokuyabula kwee-molecules ezingamanzi, ziyakuthanda ukuthi saa kuloo nto de zibe azisenako ukuhamba.